Lyrics
Nzulu yemfihlakalo
Nzulu yesimanga
Ezalise umhlaba
Nesibhakabhaka
Lenzulu yesimanga
Ngokathix'unyana
Oweza ebantwini
Ngokuba sindisa
Wabon'uluntu lonke
Luwel'esonweni
Imiphefumlo yonke
Ihleli elishweni
Oh wasikwa yimfesane
Engumangaliso
Wathabathela kuye
Lonk'ihlazo labo
Hayi obobunzulu
Boluthando lwakho
Nalo msebenzi wakho
Ongenakuqondwa
Abakholwayo namhla
Abanakugwetywa
Mawudunyiswe nkosi
Kuse phakadeni
Lenzulu yesimanga
Ngokathix'unyana
Oweza ebantwini
Ngokuba sindisa
Lenzulu yesimanga
Ngokathix'unyana
Oweza ebantwini
Ngokuba sindisa
Lenzulu yesimanga
Lenzulu (Ngokathix'unyana)
Oweza kithi (Oweza ebantwini )
Ngokuba sindisa
Oh lenzulu (Lenzulu yesimanga )
Ngokathix'unyana
Oweza(Oweza ebantwini)
Ngokuba sindisa
DEBORAH MARCIA FRASER
Universal Music Publishing Group